Exodus 20:1-17
Xhosa : South African Tribal Bible
Ex.20:1-17
1
UThixo wawathetha ke onke
la mazwi, wathi:
2
NdinguYehova, uThixo
wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
3
Uze ungabi nathixo bambi
ngaphandle kwam.
4
Uze ungazenzeli umfanekiso
oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni
phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.
5
Uze ungaqubudi kwezo nto,
ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela
ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana
sabandithiyileyo;
6
ndiwenzela inceba amawaka
abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
7
Uze ungafumane ulibize
igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana
alibize igama lakhe.
8
Khumbula umhla wesabatha,
ukuba uwungcwalise.
9
Wosebenza imihla
emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;
10
ke wona umhla wesixhenxe
uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena,
nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho
ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho:
11
kuba ngemihla emithandathu
uYehova wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla
ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha,
wawungcwalisa.
12
Beka uyihlo nonyoko, ukuze
yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
13
Uze ungabulali.
14
Uze ungakrexezi.
15
Uze ungebi.
16
Uze ungangqini ubungqina
obubuxoki ngommelwane wakho.
17
Uze ungawunqweneli umzi
wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe,
nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane
wakho.